25/04/2026
Ibandla i-Apostolic Faith Mission Ebenezer eZone 9 libambe umsitho wokwakha ubudlelwane phakathi kwamalungu alo, apho kudibene izizukulwana ezahlukeneyo ngezemidlalo.
Abadala badlale ngokuchasene noonyana neentombi kumdlalo webhola ekhatywayo kunye nebhola yomnyazi, nto leyo eye yazisa umoya wobunye, ulonwabo kunye nentsebenziswano eluntwini.
UMuzi FM uxhase lo msitho ngokusasaza ngqo (OB) kunye nokubonelela ngamanzi ukunceda abadlali bangomi emzimbeni. Ubukho bukaCeba weWadi uBonisiwe Hani bongeze ukubaluleka kwalo msitho njengendlela yokwakha uluntu.
Sijonge phambili kwezinye iziganeko ezizakudibanisa uluntu kwaye zomeleze ubudlelwane phakathi kwabantu.
-----------------------------------------------------
The Apostolic Faith Mission Ebenezer Church in Zone 9 recently hosted a vibrant team-building event, bringing together different generations through sport. The elders faced off against the sons and daughters in friendly football and netball matches, creating a powerful moment of unity, fun, and community spirit.
Muzi FM proudly supported the event through live OB broadcasting and contributed bottled water to keep players hydrated throughout the day. The presence of Ward Councillor Bonisiwe Hani further highlighted the importance of community-driven initiatives like this.
We look forward to many more events that bring people together and strengthen community bonds.